Iculo #104

Imini ye Cawa

...

IMINI ye Cawa yimini enkulu Izizwe ngezizwe zibonga i-Nkosi, Kwandluli ngeduli kuviw’ intlokoma Kubongwa i-Nkosi enkulu yezulu.

Kumazwe ngamazwe lemini inkulu Kuxelwa indaba ze Nkosi u-Krestu Indaba zovuyo sezikhaulezile Bongani Bongani u-Mdali wezulu

Bongani, Bongani, mazulu nomhlaba Manxila masala baphuli becawa Yekani ukona nipheze kwangoku Yizani ku-Yesu nigcine lemini

Hlabani, hlabani , umkhosi ma-Krestu Umkhosi we-Nkosi ufun’ ukweyisa Vuyani ,vuyani, kwanonke makholwa Yeyisa yeyisa i-Nkosi yezulu. Amen;