Iculo #105

Iyemka lemini

...

IYEMKA LEMINI NGOKU Yeyakh’ i-Sabatha Siphindile nangoku Menzi we-Sabatha

Sisazis’ ubuze bethu Sambathise bawo Ngesambatho saphezulu Yiba nathi Bawo

Sibabeka phambi kwakho Nabangekhoy’ apha Benze bakukonze nabo Ngok’ apho bakhona

Sithandaza kunye nabo Ukukubongoza Ukub’ usigcine Thixo Ngak’ ukukukhonza.

Babuyisele abantu Enkonzweni yakho Bakhulule nabantsundu Emandleni esono

Siyataruzisa bawo Sixolele sonke Kwesikwenzileyo bawo Sixolele sonke. Amen