Iculo #99

Nkosi yam ubundithanda

...

NKOSI yami ubundithanda, Ekulahlekeni kwanm Nkosi yam wamana ulanda Futhi emkondweni wam Ndafunyanwa nkosi yami.

Nkosi yami ilizwi lako Lingumkhanyiseli wam Nkosi yam ufefe lwakho Lusisonwabiso sam Ndinovuyo nkosi yami

Nkosi yam u-Moya wakho, Uyandingcwalisa nam Nkosi yam izulu lakho Lona lilikhaya lam; Mandingene Nkosi yami. Amen