Iculo #9
Undiphengulule Nkosi
...
UNDIPHENGULULE, Nkosi, Uyazaz' ingcinga zami; Ukugqala ukuhamba, Nako ukulala kwami.'
Ndakusuka ndiye phina, Ukuphepha u-Moya Wakho? Ndakubalekela phina, Ukusab’ ubuso Bakho?
Ndingesuka ndinyukele Ezulwini , Ukho apho; Ndingade ndizandlalele Ehadesi, Ukho apho.
Ndingesuka ndithabathe Amaphiko awo umso, Ndiye kuma kuz’ indawo Zokuphela kwal’ ulwandle:
Kwa nalaph’ isandla Sakho Siya kundikhapa sona; Say’ esokunene Sakho Siya kundibamba khona.
Ndingesuka ndithi. "Bona Ubumnyama bondifihla", Bungesuka nobusuku Sebukhanya njengemini. Amen.