Iculo #8

Wazidala into Zonke

...

WAZIDALA into zonke, Wena, Thixo, wedwa: Akwancedwa nangubani, Ukuzenza Kwakho.

Ezintaba ezimiyo, Zidaliwe Nguwe; Zimi ziqinile zona. Ngokusekwa Nguwe

Nalamanzi aselwayo Siwanikwe Nguwe; Nokukutya sikutyayo. Sikuphiwe Nguwe.

Wabadal’ abantu Wena, Ngokufana Nawe; Wabanika into zonke Bafanelwa zizo

Kwakufik’ utshaba lwabo, Lwabahlutha zona; Bakudela Wena Thixo, Beva izwi lalo.

Wath’ ukuze basindiswe, Wenza ngezibele; Wabanik’ u-Nyana Wakho, Ezekubafela. Amen