Iculo #79

Ikho Indawo; Indlu ye-Mvana

...

IKHO indawo ; indlu ye-Mvana, Iyakukhwaza ngokukhazimla . Ikho indawo ; ngena bo ,ngena!,

Yemka imini lemka ilanga , Sekumathunzi selisangana, Ikho Indawo ; ngena bo ngena!

Indlu yomtshato nantsi izala; Usavulelwe nguye umyeni, Ikho indawo ; ngena bo ngena!

Indlu yazala ; indlu yovuyo Ngxama ! kauleza! Ayikazali. Inko indawo; ngena bo , ngena!

Ikho indawo; akukavalwa , Lukho uthando ; seukangelwe. Ikho indawo : ngena bo, ngena!

Lumka kwavalwa; woba yinina? Xa kusithiwa “ Ndawo ayiko”, Sekuphelile, sekuvaliwe. Amen;