Iculo #78

Nkosi Mthandi wezwe Lethu

...

NKOSI mthandi wezwe lethu Osithandileyo thina Ngokunik’ u-Nyana wakho Ezekusifela thina; Zesibe nobomi ngaye, Obo bungunaphekade.

Sihlel’ ebuhedenini, Zafik’ izicaka zakho ; Zasishumayeza ngaye, Nangentlungu wazivayo; Zona zezo zomnqamlezo Ngazo wathi kugqityiwe.

Namhla Nkosi uyaziwa Ngabaninzi kuthi thina Nzalo yase bumnyameni Ngoko sikubanga thina Nathi ungu Thixo wethu Ngaye emasisindiswe.

Bawo ngalo Moya wakho, Biz' onyana belilizwe Bahambise izwi lakho Biz’ intombi zelilezwe Thixo zikusebeznzele, Ngabo lungene ukhanyo. Amen;