Iculo #51
Yivani Ezindaba
YAVANI ezindaba Yivani , Bantu , nonke Nihleli kulomhlaba, Ezindaweni zonke., Kuviwe ngaphezulu, Kuviwe nangapantsi Ad’ eve nosithulu, Nosentla nosezanti
Wabhubha u – Mkhlululi Wancam’ ubomi Bakhe; Wafela abaphuli Baphul’ umthetho Wakhe Bendone ngento zonke; Uyandamkela noko; Undixolele konke; Mandimdumise ngoko.
Ndiswele imilomo Ayaba iliwako, Ufefe olungaka. Ndincede, Nkosi yami, Ndivis’ izizwe zonke Owakuvayo ngami,- Babong’ abantu bonke.
Igama Lakho Yesu ! Limnandi endlebeni; Ufefe Lwakho Yesu Luyolo e ntliz’yweni Kuvuya obelila Kuvuke nofileyo Enguwe ongumvusi Low’ osivusileyo
Zithulu! Niyaviswa; Zimfama ! khangelani; Zqhwala! Nihanjiswa; Mudumiseni nani Kuphile imilwelwe Kuncedw’ izifo zonke; Basiza bezihlwele, Uyabanceda bonke Amen;