Iculo #190
Nkosi kuyahlwa
...
NKOSI kuyahlwa uz ulele nam Uz’ undigcine umphefumlo wam Ndakwahlukana nezihlobo zam Nkosi Somandla uze ube nam.
Umhla uyemka nokonwaba kwam Koba njanina ukulala kwam Kuba kaloku ubuthongo bam Bunje ngokuf’ esilini nam
Nkosi ndifun ukuze ube nam Nguwe kuphela olithemba lam Onokugxotha zonk intshaba zam Nguwe kuphela olithemba lam
Ndiyakonwaba xa wena unam Ndingazoyiki zonk ‘ intshaba zam Kwanolwamvila lokuf’ apa kum Alunamandla xa uhleli nam
Hlala ne krusi kufutshane nam Buhl’ ubuthongo emehlweni am Nase mnyamen’ ungahlukani nam Kude kuvel ingoms’ uhleli nam.