Iculo #188

Misa oluzuko lwakho

...

MISA oluzuko lwakho Kulomnquba wakho Nkosi Ukuze bonke bafunde Imithetho yakho Nkosi.

Namhla lendlu Nkosi Iyahlanjululwa ngoku Ibe lelosango Kanye Lokungena ebomini

Yingcwelise ngoko nkosi, Ngobuqholo bevangeli Mabasinde kuyo lendlu Bazivum’ izono zabo

Xa singena kuyo lendlu Masingcwaliswe kwa sonke Siphuthume ubungcwele Obo buluzuko lwakho

Xa sithandazayo kuyo Ngalomihla yobunzima Nangemihla yezindlala Uzusive Nkosi Yesu

Xa sithandazayo kuyo Nangemihla yembalela Nangemihla yezozifo Uze usikhaulele. Amen;