Iculo #93

Nkosi Okukuphola Ndinako

...

NKOSI okukuphola endinako Kokuyingozi ngaphakathi kwam; Kunditshonis’ ebuthathakeni Obudal’ unkwantyo ngaphakathi

Azi ndibaqwe kukufa ndinje Ngaphakathi ndakutshona phina Kufik’ ukufa ndiphole ndinje Ndingisike ndizifihle phina

kudalek ubunyama obubi Ngaphakathi e ntliziyweni yam Kudaleke ixala elibi Elindisika ngaphakathi kwam

Ndife nasezikungweni zam, Sekulinxiwa emphefumlweni yam; Sekulaula ubunyama bodwa Kuhlel’ amavuso nezoyiko.

Namuhla ndiyibonil’ ingozi yami Ebangelwe ke kokukuphola Namhla ndiyeza nimphefumlo wam Ukuz’ undivuse kokukufa. Amen;