Iculo #5
Kukho eka-Tix’incwadi
...
KUKHO eka-Tix’ incwadi, Yamagama abangcwele, Yabakholwayo Kuye; Likhonan'igama lakho?
Amaphepha ayo mahle, Soloko ecocekile, Ohlala ngonaphakade: Likhonan’ igama lakho?
Noxa apha alaziwa, Noxa apha alidumanga, Phezulu phay’ezulwini: Likhonan’igama lakho?
Kwezasemhlaben’ incwadi, Lingabakhi’ gama lakho, Kodvwa kweyo bom’ incwadi: Likhonan’ igama lakho?
Ezalapha emhlabeni, Ziyaguga, zilahleke, Eka-Thixo ayigugi: Likhonan’ igama lakho?
Liyabaleka ixesha, Limka namathuba akho, Wuphendule ngok’ umbuzo: Likhonan’ igama lakho? AMEN