Iculo #47
Hay’inyhweba Abanayo
...
HAY’ inyhweba abanayo Abangcwele baphezulu Abemiyo phambi kwayo Iteroni yekomkhulu
Sihle isihlwele sabo Iingelosi zibangqonga! Intle nalo ntsolo yabo Bayenzayo bakubonga!
Nabo khon’ esazulwini, Abangubo zahlanjwayo Zenzwa mvana egazini Lalo mvana yalophayo
Bathi ukubonga kwakho Bayibong’ iMvana leyo Bambulel’ uThixo wabo Konke abakwenzelweyo.
Kupheliswe lonk’ityala Kugqitjwelwe ubunqambi; Akasekho namaxhala Abanxanwa abalambi.
Ukuphumla bakuphiwe Baya hlala bonwabile; Linyembezi zisuliwe Zonk’ intlunguziphelile
Ndinga nam ndingema nabo Abo bantu abangcwele; Ndidumis inkosi yabo, Leyo Mvana ibafele. Amen;