Iculo #3
U-Yehova Unamandla
...
U-YEHOVA unamandla, Konke bekudalwa Nguye; Uyi-Nkosi yamabandla Law’asezulwini Kuye.
U-Yehova unokwazi, Uyazazi into zonke; Thina ’bantu asizazi, Sizidenge thina sonke.
U-Yehova ulungile, Nayo imithetho Yakhe: Tina kanti sigqithile, Sinetyala phambi Kwakhe.
U-Yehova uyingcwele: Sincolile phambi kwakhe: Sinezono, masicele Sonke uxolelo Lwakhe.
U-Yehova unofefe; Wosipatha ngalo sonke: Wez’ u-Nyana Wakhe, afe, Asindis abantu bonke. Amen.