Iculo #184

Uthe wena bawo

...

UTHE Wena bawo wethu, Ukudal’ abantu kwakho, Wadadala baabobini, Baayindaba nenkazana.

Walikhupa nelo lizwi Lisemiyo kwa namhla nje Umntu ma kashiy’ uyise Amanyane nomfaz’ wakhe.

Bona ababa batsha bethu Le ndodana nale ntombi Beze kutshatiswa apha, Ngokwesiko lezwi lakho

Benze babe yinto enye, Ngokuvuma nangokwenza; Bathi ukuhlala kwabo Basizane ngokuthanda,

Baph’ amandla aneleyo, Bayibamb’ indlela yaKho; Yonke iminyaka yabo, Ma bagcinwe nguWe , bawo