Iculo #168

Kufa, wena ulutshaba

...

KUFA ! wena ulutshaba Kwanto- zonk ezinobomi Konke okusemhlabeni Phambi kwakho kuyagoba

Uqhayiso maluphele, Kosaziza ukuphila Onamandla nongenawo Wakufika bayilila.

kuzo zonke intlobantlobo Wenza ngokuthanda kwakho Kwabadala nakwebatsha Kunye ukuphatha kwakho

lelinjal’ isiko lakho Akukhethi akwehluli; Nakwinzwana nenzwakazi Imi inyaniso yakho

isityebi nolihlwempu Ubanika kuko lunye Olinene nosicaka Elo ncwaba labo linye;