Iculo #16

Bulelani KuYehova

...

BULELANI kuYehova, Kuba elungile; Kuba ububele Bakhe Bubobaphakade.

M’ atsho amaSirayeli. Indlu zawo zonke, Athi ububele Bakhe bubobaphakade.

Ndamemeza kuYehova, Ndandisengxingweni; Wandinceda wandibeka Endaweni ebanzi.

Ingecala lam inkosi Andisokoyika; Ingasuka ithi ni na Le nto umntu kumi?.

Ingecala Lam inkosi, Iya kundinceda; Indincede ngokumnandi Kwabandithiyayo.

Ukuthemba uYehova Nokuphepha ngaYe. Kuko okulungileyo Kungathenjwa bantu.

Ma ndisinde ngawe nkosi Undisikelele! Ma ndiphumle ngaWe nkosi Undithamsanqele. Amen.