Iculo #110
Uzungandi shiyi Nkosi
...
UZUNGA ndishiyi Nkosi Akuba luziz’ amehlo Ndikuphelelwa ngamandla Ndongezelele ukholo
Ndigcine naselishweni Elinokundifikela Ndigcine nasebubini Ukuze ndingenzakali
Andisena zilingane Ndiyinto yokuhlekisa. Zukhazimle ndikubone Wena ungena kucekisa
Uyindlel’ eya ekhaya , Ebonwayo nazimfama; Ungamanzi ukukutya, Wena mgcini wenkedama
Nakuba namhla ndingento Ndilihlwempu ndililolo, Noko wena wondibuka Ndikufika ezulwini. Amen