Iculo #1

U-lo Thixo Omkhulu

...

THixo omkhulu ngosezulwini; Ungu Wena, wena Khaka lenyaniso Ungu Wena, wena Nqaba yenyaniso Ungu Wena, wena, Hlathi lenyaniso Ungu Wena, wena uhlel' enyangweni. Olo’dal’ ubomi wadala izulu.

Lo-Mdali wadala, wadala phezulu. Lo-Menzi wenkwenkwezi nozilimela. Yabinza inkwenkwezi, isixelela. Lo-Menzi wemfama uzenza ngabomi. Lathetha ixilongo, lisibizile. Ulonqin’ izingela imiphefumlo.

Ulohlanganis’ imihlambi eyalanayo. Ulo Mkhokeli wasikhokela thina Ulongub' enkulu siyambatha thina Ozandla zakho zinamanxeba wena. Onyawo zakho zinamanxeba wena.

Ugazi lakho liyimirozo yinina ? Igazi lakho liphalele thina Lemali enkulu-na siyibizile ? Lowomzi wako-na-na siwubizile ? Amen.;