Inkonzo Yomtshato

INKONZO YOMTSHATO Intetho Ebhekiswa Ebantwini. Ngalomini ngexesha elimisweyo abatshati baya kungena e Caweni baye kuma ngapambili,indoda ngasekunene,inazana ngasekhohlo andule umfundisi ukuthi. Bathandwa sihlangene apha phambi ko Thixo,nale ntlanganiso,ukuze simanye lendoda nalenkazana ngom-Tshato ongcwele,oyintlalo ebekekileyo,eyadalwa ngu Thixo oko bekungekabikho sono,ezelisa ukumanywa kuka Krestu ne Tyalike yakhe; awathi u Krestu ngokwakhe,wayizukisa ngobubakho kwakhe,nango mqondiso wakhe wokuqala, awawenzayo e Kana yase Galili; inconywa nokunconywa ngu Paulos ongcwele , othe yinto enokubekwa ngabantu bonke,ke ngoko ayinakufumana ingenwe ngokungaqondi, nangokufeketha,nangobutshijolo,ngenxa yokukolisa inkanuko zenyama ngokwezilo ezingenangqondo, mayingenwe ngabantu ngentlonelo,nentelekelelo ngengqoqo, ngobuncathu, nangokumoyika u Thixo. Aba bantu babini ke bazokumanywa kulentlalo engcwele,ukuba ke kuko ongaphakamisa isizathu sokuba abafanelwe kumanywa,makasixele ngoku; athi ukuba akenjenjalo ahlale athi cwaka ngonaphakade. UMFUNDISE ABHEKISE KWABO BANTU BATSHATAYO ATHI: Ndiyaniyala nobabini ,njegokuba niyakuphendula ngomhla owoyikekayo womgwebo ,xeshikweni imfihlelo zentliziyo zonke ziyakutyilwa, ukuba kukho kuni nobabini osaziyo isizathu sokuba anifanele kumanywa ngomtshato,makasixele kuloku nje. Ngokuba yazini lento, okokuba bonke abatshata ngapandle kokuvunyelwe li-Zwi lika Thixo,abamanywe ngu Thixo, nokutshata kwabo akulungelelene nomthetho. Ukuba akuko uxele sizathu sokuba mabangatshati,umfundisi uyakuhambisa athi endodeni: Bani, uyayithabatha na le Ntombi ukuba ibe ngumfazi wakho,ukuze nihlale nobabini ngokomthetho ka Thixo entlaweni engcwele yom-Tshato? Uyakuyithanda na ,uyonwabise ,uyibeke,uyigcine. Ekuphileni nase kuguleni uthi uwayeka onke amanye, uhlale nayo yodwa lonke ixesha eniyakudla ngalo-ubomi nobabini? Ithi indoda ukuphendula…… Ndiyakwenjenjalo. ANDULE UMFUNDISI ABUZE KWINKAZANA ATHI:- Bani,uyayithabathana lendoda ukuba ibe yindoda yakho, ukuze nihlale nobanini ngomthetho ka Thixo entlalweni engcwele yom-Tshato? Uyakuyiphulaphula na,uyikhonze, uyithande,uyibeke,uyigcine ekupileni nase kuguleni, uthi uwayeka onke amanye,uhlale nayo yodwa lonke ixesha eniyakudlan galo ubomi nobabini? Ithi intombi ukuphendula: Ndiyakwenjenjalo. Bothi banikelane inyaniso ngoluhlobo ,umfundisi abambise isandla sokunene se-Nkazana ngesokunene sendoda,zeyona ithethe emva kwake ithi: Mna Bani ,ndiyakuthabatha wena Bani,ukuba ube ngumfazi wam endimtshatileyo,ukuba ndibe nawe ndikugcine namhla nangexesha lonke elizayo,ngexesha lokwanela nangexesha lokuswela,nxa ungaphilanga,nanxa uphilileyo,ndikuthande ndikondle ngomteto ongcwele ka Thixo,side sahlulwe kukufa ; ngoko ke ndikunikela inyaniso yam. Bayekane ke izandla,ithi iKazana ngesandla sayo sokunene ibambe esokunene se-Ndoda,ithethe nayo emva ko-Mfundisi,ithi: Mna Bani,ndithabatha wena Bani,ukuba ube yindoda yam endiyitshatileyo ukuba ndibe nawe, ndikugcine namhla ,ebumnandini nase bubin; ebutyebini nase kusweleni;nditkuthande, ndikondle, ndikuphulaphule ,ngoko Mthetho ongcwele ka Thixo,side sahlulwe kukufa,ngoko ke ndikunikela inyaniso yam. Umfundisi athi: Masithandaze. Thixo Ongunaphakade,Mdali no Mlondolozi wabo bonke abantu,Mniki walo lonke ufefe lomoya, Mbangi yobomi baphakade; Yithobe intsikelelo yakho phezu kwababantu,lendoda nalenkazana ,si basikelelayo e-Gameni lakho; ukuze kuthi, njengokuba u-Isake no Rebeka bahlala bethandana begcinene, bathi kanjalo nababathu,basiqinise ukusenza nokusigcina isifungo nesibambiso abanikelene ngaso,bahlale bobabini ngothando,nangoxolo,oluzalisekileyo,bahambe ngendlela yemithetho yakho ngaye u Yesu Krestu I Nkosi yethu .Amene. Umsesane. Ukuba abatshati bayafuna ,indoda iyakunikela umsesane ku Mfundisi ,oyakuthi yena awubuyisele kuyo eyiyalele ukuba mayiwufake kowesine umnwe we Nkazana kwingalo yase khohlo.Indoda iyakubhekisa e Nkazaneni ilandela emva ko Mfundisi isithi: Ngawo lo msesane, osisiboniso nesibambiso sawo umnqophiso owenziweyo kaloku phakathi kwam nawe, ndiya kuthabatha, ube ngumfazi wam egameni loYise, neloNyana neloMoya oyiNgcwele. Aze umfundisi ahlanganise izandla zabo zokunene athi: Abo bamanywe ngu Thixo mabangahlukaniswa mntu. Abhekisa ebantwini umfundisi esithi: Njengokuba u Bani no Bani bevumelene ngo Mtshato ongcwele bekunqinela oko phambi ko Thixo nalentlanganiso, banikelana inyaniso yabo, ngokunikelane, nokwamkela umsesane na ngokubambana ngezandla; Ndiyashumayela ukuba bayi Ndoda. No-Mfazi, e-Gameni lo-Yise, lo Nyana, lo Moya Oyingcwele. Amen. AHAMBISE UKUBASIKELELA UMFUNDISI ESITHI: U Thixo u Yise, u Thixo u-Nyana, u Thixo u-Moya Oyingcwele, makanisekele, anilondoloze, anigcine; I-Nkosi mayiniphathe ngenceba, inikhangela ngobubele; inikholise ngawo onke amathamsanqa omoya, nangofefe lwayo, ize intlalo, yenu nobabini ilunge kobubomi bukoyo, ukuze ningene ebomini baphakade. Amen. UMTHANDAZO WENKOSI Bawo wethu osezulwini. Maliphathwe ngokungcwele igama lakho. Ubukumkani bakho mabufike. Intando yakho mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Mausiphe namhlanje isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele izono zethu. Njengokuba nathi sixolela abo basonayo thina. Ungasingenisi ekuhendwen. Sisindise enkohlakalweni. Ngokuba ubukumkani boub bakho namandla engawakha, nobungcwalisa bubo-bakho, kude kube ngunaphakade. Amen. UMFUNDISI. Thixo ka Abraham, Thixo ka Isak, Thixo ka Yakobi basikelele ababantu bakho, uyihlwayele ezintliziyweni zabo imbewu yobomi obungunaphakad; ukuze bathi bonke abakufundayo e-Lizwini lakho elingcwele bakwenze ngo kukhutheleyo Bakhangele ngetaru Nkosi usezulwini, ubasibekele. Uthi njengokuba wabathobelayo u Abraham no Sara intsikelelo uzisikelele ezizicaka zakho, zize zithi ziyenza intando yakho zikhuselwa nguwe, zihlale eluthandweni lwakho bude buphele ubomi bazo, ngaye u Yesu Krestu i-Nkosi yethu. Amen. Thixo owathi ngamandla akho amakhulu wazidala zonke izinto ngelize owathi (zakuba ziungisiwe ezinye izinto) wamisa okokuba umfazi azuze ukuvela kwakhe endodeni (eyadalwa ngemfano yakho); wathi ubamanyile wafundisa okokuba akusoze kuvunyelwe ukuba bahlulwe obenze babanye ngom-Tshato: Thixo, owayingcwalisayo intlalo yom-Tshato ukuba ibe ngu mqondiso olunge kangakana, ukude uthi ngawo ulinganisele ukutshata kwase zulwini, nokumanywa kuka Krestu ne Tyalike yakhe; Bakhangela ngetaru ababantu bazizicaka zakho; ize ithi lendoda imthande umfazi wayo ngokwe-Lizwi lakho (Njengokuba u Krestu eyithandile i Tyalika yakhe, wayincamela ubomi bakhe, eyithanda eyondla njengokungathi yinyama yakhe), ithi lenkazana iyithande indoda yayo iyilulame iyikolise, iyiphulaphule, ithi ngolulamo, ngobuncathu, nangokuzola, ifuze abafazi abangcwele abalungileyo. Basikelele ke bobabini Nkosi, ubaphe ukuba babudle ilifa ubukumkani bakho, obungunaphakade ngaye u Yesu Krestu i-Nkosi yethu. Amen. UKUVALA. U-Thixo u-Somandla owathi ekuqalekeni wadala o Adam no-Eva, wabangcwalisa, wabamanya ngom-Tshato; Makanikhangele ngobutyebi bofefe lwakhe , aningcwalise, anisikelele, nize nimkolise ngemizimba nangemiphefumlo yenu, nihlale nobabini ngothandano olungcwele bude buphele ubomi bethu. Amen. Kwanga kungabakho kuni nonke ufefe lwe Nkosi yethu uYesu Krestu nothando luka Thixo nobudlelanano Moya oyingcwele. Amen.