Inkonzo Yokuzaliswa Kwamalungu
INKONZO YOKUZALISWA KWAMALUNGU
INTETHO EBEDISWA ENTLANGANISWENI :
Kothi ngemini emisweyo,bonke abazakwamkelwa baziwe ngapambili,ukuze umfundisi enze okukuthetha kulandelayo ekubkhekisa entlanganisweni :-
Bazalwana abathandiweyo kunene izi Bhalo ezingwele zisifundise ukuba i-Tyalike igumzi kaThixo umhlambi ontloko ingu Yesu ; Ubudlelane base Tyalikeni kukonwabusana kwa malungu ayo,omunye nomunye………… …………… …………
Yaye ke injongo zobubudlelana kukugcinwa kwemfundiso ezintle, kwakunye nezimiselo zonqulo lobu Krestu, nokusetyenziswa kwalomandla aye a vele kuThixo, no -Mthetho athe u Yesu wawunikela e Tyalikeni yakhe yokwandiswa kobungcwalisa. Yimfanelo yabantu bonke ngoko,ukuba bamanyane kobubudlelane ngenxa yokuba ngabo bowa abathe batyaleka endlwini ka Yehova abayakutyamba emakhusini o Thixo wethu.
Ezona Mfanelo zinamandla kobubudlelane : kukwakhiwa koxolo,nomanyano ,kuthwalisana imithwalo,nokunqandana ekuweni omnye nomye, Ukuzama intlanganiso ebuhlobo buzeleyo komnye,nomnye,ukuzingisa elukholweni nase nkonzweni ye gospile,ukuthandazelana nokuvelana nomnye, nomnye. Phakathi kwamalungelo obubudlelana kukuqubelana ebungcwaliseni ngelizwi lika Thixo,nange sabelo kwizi miselo zika Krestu, ngokubekwa phantsi kweliso labafundisi, nokuzinikela ekonwatyisweni. Kubo obubudlelane bunje ukuba ngcwele ,aba bantu bemi phambi kwenu beze kufuna ukwamkelelwa kubo, ekubeni sebelufumene uphehlelelo benyanga ezintandathu phantsi kweliso labakhokeli abazeleyo.
Ngako oko siza kuthi eloyikweni luka Thixo sibabuze ngokholo lwabo nange njongo zabo ukuze nazi ukuba bangabantu abafanelekileyo ukuba bangamkelwa e Tyalikeni.
Intetho Ebhekiswa Kwabo Bazaliswayo
Wothi umfundisi ukuteta ebhekisa kwabo bamkelwayo :---
Bathandwa , nize apha ngokufuna ukunga ningazimanya neBandla awalithengayo ngegazi lakhe u-Msindisi wetu.Sivuya elufefeni luka Thixo athe waninika lona, ekunibizeni kwakhe ukuba nibe ngabalandeli bakhe. Sivuyiswa nakukuba ukuza kufikela kwelixesha ingubo yenu ib ntle. Niwavile amathamsanga, nentsikelelo namalungelo obulungu e Tyalikeni ka Krestu. Ke ngaphambi kokuba namkelwe ngo kuzeleyo kuyi mfanelo ukuba nihlaziye izifungo zenu ekuhleni ngokuxela ukholo lwenu , nangokuvakalisa injongo zenu ngokuphendula lemibuzo ilandzelayo :
Phambi ko-Thixo nasebusweni balentlanganiso nihlaziya ngokungcwele isithembiso, esikucebano lo Baptizesho, niyanyaniseka na ukukuqinisekisa oko, niyavuma na ukuzibopha ngokuthembekileyo, ukuluqonda nokulugcina olocebano, nazo zonke izinto ezikulo?
IMPHENDULO Ndiyathembisa
Umbuzo Ninalo na ukholo olusindisayo ku Yesu Krestu?
Impendulo Ndithemba njalo
Umbuzo Ninoluvo oluhle na ngakuwo onke amalungu eli Bandla
Impendulo Ndinalo
Umbuzo Niyakholelwa na ezimfundisweni zezi Bhalo ezingcwele njengoko zibekiweyo kwisivumo sengqoboko ye African Methodist Episcopcal Church?
Impendulo Ndiya kholwa
Umbuzo Nolaulwa na yi Discipline ye A.M.E. Church niyenze ngcwele imimiso ka Thixo, nizama ngako konke ukuphakamisa intlalo entle yobuzalwane,nokuhanjiselwa phambili kobu kumkani buka Krestu?
Impendulo Ndiya kwenjenjalo
Umbuzo Niyakurola na kwimpahla yenu yase mhlabeni,ngamandla enu,ukuxhasa ivangeli,amahlwempu i-Tyalike,nezinye imbutho zobu Krestu?
Impendulo Ndiya kwenjenjalo, u Thixo engumncedi wami.
Umf: Malibongwe igama leNkosi
Aba: Kude Kude ngunaphakade
Umf: Nkosi yamkela umthandazo wethu
Aba: Mazithi izikungo zethu zifike phambi kobuso baKho.
Umf: I Nkosi mayibe nani
Aba: Ibe nomoya wakho njalo.
INTETHO EBHEKISWA E-BANDLENI.
Apha wobhekisa e Bandleni umfundisi ngokuthi:
Bazalwana nizivile impendulo ezenziweyo emibuzweni yethu.Ukhona ke kuni onesizathu angasixelayo sokuba ababantu abafanelekile ukuba bangamkelwa ebulungwini obuzeleyo e-Bandleni?
MASITHANDAZE
Thixo ,Bawo wasemazulwini ,osebenzayo kuthi ukuba sivume sense ezo zinto zamkelekileyo pambi kwakho: Senza ezi zikhungo kuwe ngenxa yezi zicaka zakho ezamkelela ebudlelaneni babantu bakho. Ngamana isandla sakho sobuzali singaba phezu kwazo : ngamana uMoya oyiNgcwele angasoloko enazo; zanga zingakhula elubabalweni nase kuyazini inKosi yethu nomSindisi uYesu Kristu,zilandela imihla ngemihla umzekelo wakhe osulungekileyo. Vuma nKosi ukubonisa,ukungcwalisa, nokukhokela thina endleleni yemiyyalelo yakho, nakuwo umzamo wokuzuza imiphefumulo,nokwakhela iBandla lakho ebungweleni; ize sithi ngenkuselo yakho enamandla silondolozwe imizimba neùiphefumlo side sizivulelwe ingcango zobukumkani obungapheliyo beNkosi yethu nomSindisi uYesu Kristu. Amen.
Xa kungekho sizathu umfundisi uyakwenjenje kubo:
Siyanamkela ngovuyo kubo ubudlelane be Bandla lika Thixo ,nakubo ubungqina ubuhle bobu Krestu.Ngentliziyo yam yonke ndinamkela ngokunolulela isandla sam sokunene,sobudlelane.Wanga u Thixo anganinika ukuba nibe ngamalungu athembekileyo e Bandla elise dabini nide nibizelwe ebulungwini be Bandla eseloyisile, elingenasiphako emehlweni ka Thixo.