Inkonzo Yobaptizesho Lwabadala

INKONZO YOBAPTIZESHO LWABADALA INKUTAZO Umfundisi uyakusebenzisa lamazwi alandelayo, okanye nawapina afana nawo, athi: Bathandwa! Ngokuba abantu bonke bamithelwe esonweni, bazalelwa kuso kanti ke okuzelwe yinyama kuyi nyama; abobasenyameni ke bangemkholisi u Thixo, kuba behleli esonweni, besenza ezigqitho ezininzi kanti u Msindisi wethu uKrestu uthi: Akungengene mntu ebukumkanini buka Thixo, ukuba akazalwanga nga manzi nango Moya Oyingcwele. Ndiyaniyala ukuba nibize kuThixo ongu Yise, ngayo I Nkosi yethu, u Yesu Krestu, ukuze athi ngobubele bakhe obukhulu abaphe ababantu oko bangebinako ngokuvela okokuba bangabaptizeshwa ngamanzi odwa, kodwa nango Moya Oyingcwele, baze bangeniswe e-Rementeni ka Krestu, banziwe amalungu aphilileyo kuyo. MASITHANDAZE. Thixo onamandla onke, ohlala uhleli! Ungu Msizi wabo bonke abasweleyo no-Mncedi wabo bonke ababalekela kuwe, obubomi babakholwayo, novuko olungcwele siyakucela ukuba ubaxolele izono zabo bamkele ufefe lokuzalwa ngakumbi. Bamkele, Nkosi, njengokuba ute ngaye u-Nyana wakho otandiweyo wasibeka ngedinga lokuthi: Celani niyakuphiwa, funani niyakufumana; nqonqozani niyakuvulelwa. Siphe thina sicelayo, sifumane thina sifunayo, sivulelwe thina sinqonqozayo; ukuze ababantu bazuze ithamsanqa, bahlanjululwe ngokwasezulwini bade bangene ebukumkanini bakho obungu naphakade, obo usithembise ngabo ngo Yesu Krestu iNkosi Yethu. Amen. Thixo Somandla onke, ongunaphakade, Bawo wasezulwini, sinikela kuwe imibulelo ethobekileyo, kuba uvumile ukusibizela ekwaziweni kofefe lwakho, nokuba sikholwe nguwe. Yandisa kuthi okukwazi, uluqinisele kuthi olukholo ngamaxesha onke Banike u Moyo wakho Oyingcwele aba bantu; ukuze bazalwe ngokutsha benziwe indlamafa zosindiso olungunaphakade. Ngayo i-Nkosi yethu uYesu Krestu, ehleliyo iphethe kunye nawe noMoya Oyingcwele ngoku kude kube ngunaphakade. Amen. BOTHI APHA ABANTU BONKE BEME UMFUNDISI ATHETHE ATHI: Phulaphulani amazwi abhaliweyo nguYohane Ongcwele e Vangelini yakhe kwisahluko sesithathu, kuqala kwisahlukwana sokuqala:- Kwaye kuko umntu wakuba Farisi, ogama lingu Nikodeme, umphathi wama Yuda, Lowo weza ku Yesu ebusuku, wathi kuye Rabi, siyazi ukuba ungumfundisi ovela kuThixo; kuba akukho namnye umuntu onako ukuyenza lemiqondiso uyenzayo wena, ukuba u Thixo akanaye. Waphendula u Yesu wathi kuye: Inene, inene ndithi kuwe, ukuba akathanga umntu azalwe ngokutsha akanakububona ubukumkani buka Thixo. Uthe u Nikodeme kuye: Angathinina umnu ukuzalwa emdala angaba nako yinina ukungena okwesibini esizalweni sonina azalwe? Waphendula uYesu wathi: Inene, inene ndithi kuwe, ukuba umntu akathanga azalwe ngamanzi nangu Moya akanakungena ebukumkanini buka Thixo, okuzelwe yinyama kuyinyama, nokuzelwe ngu Moya kungumoya, Mus’ukumangaliswa kukuba ndithi kuwe nimelwe kukuthi nizalwe ngokutsha. Umoya uvuthela ungawazi apho uvela kona, nalapho usinga khona; bakwanjalo bonke abazalwe ngu Moya. ISIYALO KWABAZAKUBAPTIZESHWA Bathandwa, nina, enize apha, ninqwenela u-baptizesho olungcwele, nivile ukunithandazela kwalen-tlanganiso ukuba i-Nkosi yethu u Yesu Krestu ivume ukunamkela nokunithamsanqela, inikhulule ezonweni zenu ininike ubukumkani bezulu nobomi obungunaphakade njengokuba neNkosi yethu uYesu Krestu ithembise ezwini layo elingcwele ngokuthi yena kwelodinga ngecala lakhe anyaniseke ukuligcina, nokulifeza. Ngako oko ekubeni elidinga elenzile u-Krestu, nani niyakuthi ngelenu icala nithembise ebusweni balentlanganiso yonke ukuba niyakumlahla uSathana,nayo yonke imisebenzi yakhe nizingise ukukholwa lilizwi lika Thixo elingcwele, nigcina nemiyalelo yakhe. APHA UMFUNDISI UYAKUBABUZA NGABANYE ATHI. Uyamlahla na u-Sathana nayo yonke imisebenzi yakhe kwane nkazimlo ezingendawo zomhlaba,nobungcwalisa bawo kunye nazo zonke inkanuko zawo neminqweno nokukhukuliswa yiyo. IMPENDULO: Ndiyazilahla ezonto zonke. Uyakholwa na kuThixo u-Yise onamandla onke, u-Mdali wezulu no-mhlaba Naku Yesu Krestu okuphela ko Nyana wakhe ozelweyo oyi-Nkosi yethu. Ukuba wamitwa ngoMoya Oyingcwele wazalwa yiNtombi u Mariya. Weva ubunzima phansi ko Pontyusi Pilato. Wabethelwa emnqamlezweni wafa, wancwatywa, Wehlela ehadisi, wavuka ngomhla wesithathu ekufeni; Wenyuka waya ezulwini: Apho ahleli kona ngesekunene ko-Thixo u Yise onamandla onke wobuya eze evela khona ekupheleni kwelizwe eza kugweba abahleliyo nabafileyo. Kanjalo uyakholwa na kuMoya Oyingcwele; Nayi Remente engcwele ekulolonke ilizwe; Nabubudlelane babangcwele; Naku-kuxolelwa kwezono; Nakukuvuka komzimba ekufeni; Nabubomi obungunaphakade emveni kokufa? Oku konke uyakholwa na kuko? IMPENDULO: Oku konke ndiqinisile ukukholwa kuko. UMBUZO. Njengokuba ukholwa njalo nje ke, unga unga-baptizeshwa na? IMPENDULO: Ewe ngumnqweno wam lowo. UMBUZO. Woqinisa na ke ukuyiva intando, kaThixo engcwele, nemithetho yakhe uhambe ngayo yonke imihla yokudla kwako ubomi? IMPENDULO: Ndiyakulinga ukwenjenjalo. UThixo engumcedi wam. APHA UMFUDISI WOTHI. MASITHANDAZE Thixo onetaru yenza ukuba Ubuntu obudala bugcwatywe kwaba bantu kuvele Ubuntu obutsha kubo. Amen. Yenza ukuba zonke izimvo zenyama zife kubo,kuphile kukhule, konkeoko Moya Oyingcwele kubo. Amen. Mnike amandla okumeyisa ngomngcobo u Satana nomhlaba nenyama. Amen. Makathi osukuba simnikela kuwe ngobufundisi bethu amkele amalungelo asezulwini, nomvuzo ongunaphakade, ngalo ufefe lwakho, Nkosi, Thixo Mhlekazi ohleliyo, ozilaulayo into zonke ngobukhosi, kude kube nguna phakade. AMEN. Thixo Somandla, Ongunaphakade,o-Nyana wakho oyintanda u Yesu Krestu wakhupa ecaleni lakhe elixabiso likhulu amanzi negazi, ukuzekuxolelwe izono zethu; waza wazinika zonke intlanga, bazibaphatizeshe e Gameni lo Yise, lo-Nyana, loMoya Oyingcwele; Ziphulaphule, siyakuthandaza, izikhungo zalentlanganiso. Wangcwalise lamanziabe ngumqondiso wemfihlakalo yokuhlanjululwa kwezono wenze ukuba abantu (Umuntu oza) babaptizeshwa kuwo balufumane ( a lufumane) ufefe lwakho, ngokupheleleyo, bahlale behleli bengabe nani(ahlale ehleliengowenani)labantwana bako abenyuliweyo, ngaye u-yesu Krestu i-Nkosi yethu Amen. APHA UMFUNDISI WOBAMBA ELOWO OZAKUBAPTIZESHWA NGE SANDLA SOKUNENE AMSE NGASE FONTINI, ABUZE IGAMA LAKHE, AZE AMTSHIZE OKANYE AMGALELE, OKANYE AMNTYWILISELE EMANZINI NOGKUFUNA KWABO BABAPTIZESHWAYO ESITHI:- Bani, ndiyakubaptizesha e-Gameni lo Yise, nelo Nyana nelo Moya Oyingcwele. Amen. UMTHANDAZO WE NKOSI Umfundisi kunye nabo bonke abantu beguqile uyakwenza lomthandazo: Bawo wethu osezulwini. Maliphathwe ngokungcwele igama lakho. Ubukumkani bakho mabufike. Intando yakho mayenziwe emhlabeni, njengokuba isenziwa ezulwini. Mausiphe namhlanje isonka sethu semihla ngemihla. Usixolele izono zethu. Njengokuba nathi sixolela abo basonayo thina. Ungasingenisi ekuhendwen. Sisindise enkohlakalweni. Ngokuba ubukumkani boub bakho namandla engawakho, nobungcwalisa bubo-bakho, kude kube ngunaphakade. Amen. UMFUNDISI ANGENZA UMTHANDAZO WENTLOKO APHA.