Inkonzo Yobaptizesho Lwentsana

INKONZO YOBAPTIZESHO LWENTSANA Mabathi bonke abantu abadala, kunye nabazali babantwana abazekuphehlelelwa bazikhethele olona hlobo bathanda lona. KUKUNTYWILISELWA, UKUTSHIZWA, NOKUGALELWA. KODWA UMNTU MAKANGAPINDWA KABINI UKUPHEHLELELWA. UKUBA KUKHO OTHE WAYENZA LONTO ESAZI UYAKUNQUNYANYISWA OKANYE AMISWE YI KOMFA NGOKUBONA KWAYO. 2.ASIYIKUBEKA TYALA NANGAYIPH-INA INDLELA YOKUPHEHLELELA NOKUNGCWATYWA KWABAFILEYO. INKUTAZO. Umfundisi uyakuza ngaphambili apho koba kuko amanzi angcwengileyo, enze lamazwi. Bathandwa! Njengokuba abantu bonke bamithelwe esonweni, baza bazalelwa kwakuso, uthi no Msindisi wethu u Yesu Krestu: Akungengeni mntu ebukumkanini buka Thixo ukuba akazalwanga ngamanzi nango Moya, Oyingcwele; Ndiyaniyala ukuba nibize ku Thixo u Yise ngayo i-Nkosi yethu u Yesu Krestu, ukuze athi ngobubele bakhe obukhulu aphe lomntwana abengenako ngokuvela okokuba angabaptizeshwa ngamanzi odwa, kodwa kube nango Moya Oyingcwele, aze angeniswe e Rementeni ka Krestu enziwe ilungu eliphilileyo kuyo. MASITHANDAZE Thixo onamandla, ongunaphakade, owamlondolozayo u Nowa nosapho lwakhe enqanaweni ngofefe lwakho olukhulu bangabhubhi ngamanzi owathi kanjalo walukhokela usapho luka Sirayeli abantu bakho, waluweza ulwandle olubomvu, usalatisela ke ngoko ubaptizesho lwakho olungcwele; wena wayahlulela amanzi lenkonzo yakho engcwele, ngokubaptizeshwa ko Nyana wakho othandiweyo, u Yesu Krestu, emlanjeni oyi Yoredane; Siya-kuthandaza wena obubele bungenamlinganiso sithi, mkkhangele lomntwana ngofefe, mhlambe, umngcwalise ngo Moya Oyingcwele, aze athi ekhululwe engqumbeni yakho, angeniswe e Rementeni kaKrestu, aqine elukholweni avuye ngethemba endele eluthandweni, enje njalo ukudlula emazeni alomhlaba okhathazayo, ade eze kufika ezweni lobomi obungaphel’endawo, ahlale khona nawe; kude kube ngunaphakade; ngaye u Krestu i-Nkosi yethu. Amen. Thixo onetaru Siyakucela ukuba ubungcwab Ubuntu obudala kulomntwana, kuvele Ubuntu obutsha kuye. Amen. Zibulale zonke izimvo zenyama kuye, kuphile kukhule konke oko Moya Oyingcwele. Amen. Mnike amandla okumeyisa ngomgcobo u Sathana, nommhlaba nenyama. Amen. Makathi osukuba simnikela kuwe ngobufundisi nobukhonzi bethu amkele amalunglo ase zulwini, nomvuzo ongunaphakade; ngalo ufefe lwakho Nkosi Thixo! Mhlekazi ohleliyo, ozilaula zonke izinto ngobukhosi, kud kub ngunaphakade. Amen. Thixo onamandla onke, ongunaphakade o-Nyana wakho othandiweyo u Yesu Krestu waphalaza ecaleni lakhe amanzi ne gazi ukuze sizolelwe izono zethu; owathi kanjalo wabanika umthetho aba Disipile bakhe, wokuba bazifundise zonke izizwe, bazipaptizeshe egameni loYise, nelo Nyana, nelo Moya Oyingcwele, Siyakukhuthaza, phulaphula umthandazo walentlanganiso, wangcwalise lamazwi wenze okokuba lomtwana ozakubaptizeshwa, amkele inzaliiseko yofefe lwakho, ngaye u Yesu Krestu-i-Nkosi yethu. Amen. INTETHO KUBAZALI Njengokuba, bathandwa, nizise lomntwana elu-baptizeshweni lobu Krestu, nifanele ke ngoko ukukumbula ukuba yimfanelo yenu ukuba nikhangele ukuba lomntwana afundiswe, ngako kodwa ukuba, abenako ukufunda, imvelo nenjongo yale nkonzo engcwele; nokokuba ezizino azazi kakuhle nimyalele ukuba aziqonde izi Bhalo, nokukonza ilizwi lika Thixo phambi kwabantu nangasese. Kakhulu nimfundise isivumo sokholo lwaba Postile, nomthandazo we-Nkosi, neMithetho elishumi, nencwadi yo Mbuzo; nazo zonke ezinye izinto ezo um-Krestu afanele ukuzazi nokukholwa zizo, ukuze umphefumlo wakhe uphile kakuhle. Kwakhona niyiqonde indawo yokuba lomntwana ondliwe kakuhle, aphile ngokuthandaza ngeziko elifanele uku Krestu; nikhumbule yonke imihla ukuba ubaptizesho lusibonisa umsebenzi wethu, wokuba sifuze u Krestu u Mkhululi wethu, senziwe sibe njengaye:sithi njengokuba wafayo wabuya wavuka ngenxa yethu, nathi sibaptizeshiweyo sife ngakuso isono, sivukele ebulungiseni sibe nokuhlala sizoyisa zonke inkanuko ezikhohlakeleyo, sibe nako imihla ngemihla ukuhamba ebulungiseni, nasekuhloneleni u Thixo. Niyazibopha na ke ngokungcwele ukuba niyakuzifeza ezizinto kangangoko ninako i-Nkosi ingumncedi wenu? Impendulo: Siyakwenjenjalo UPHEHLELELO BAYAKUTHI ABANTU BEME. UKUZE UMFUNDISI ENJENJE: Waphulaphuleni amazwi abhaliweyo ngu Maraki Ongcwele eVangelini yakhe kwisahluko seshumi kwisahlukwana seshumi elinesithathu. Baye bezisa abantwana ku Krestu ukuba abachukumise basuke abafundi babathethisa abo babazisayo. Ke kaloku ekubonile oku uYesu wacaphuka, wathi kubo; bavumeleni abantwana beze kum, othe akabamkela ubukumkani buka Thixo njengomntwana akasayi kungena kubo, Waza wabawola, wazibeka izandla phezu kwabo wabasikelela. APHA UMFUNDISI UYAKUMTHABATHA UMNTWANA NGE ZANDLA ZAKHE ABHEKISE KUBA HLOBO BOMNTWANA ATHI: MTHIYENI IGAMA LOMNTWANA. Aze ke akuba elibizile igama emva kwabo, umfundisi uyakuthi amthize okanye amgalele, okanye amntywilisele emanzini esithi. Bani, Ndiyakubaptizesha egameni loYise, nelo Nyana, nelo Moya Oyingcwele. Amen. UMTHANDAZO WE-NKOSI Bonke beguqile Kuyakwenziwa lomthandazo: Bawo wethu wasezulwini! Maliphathwe ngobungcwele igama lakho, Ubukumkani bakho mabufike. Intando yakho mayenziwe emhlabeni. Njenkuba isenziwa ezulwini. Mausiphe namhla-nje isonka sethu semihla ngamihla. Usixolele izono zethu. Njengokuba nathi sixolela abo basonayo enkohlakalweni. Ngokuba ubukumkani bubo-bakho, kude kube ngunaphakade. Amene. Apha umfundisi angavala ngomthandazo.