Umthandazo Woxolo

UMTHANDAZO WOXOLO Thixo ekuphuma kuye yonke iminqweno engcwele nawo onke amacebo alungileyo, kwanemisebenzi yobulungisa. Nika izicaka zakho oloxolo olungenakunikwa lilizwe, ukuze kuthi kanjalo ngawe sikhuselwe ukuyihlonipha imithetho yakho, ukuze kuthi kunjalo ngawe sikhuselwe ekuzoyikeni intshaba zethu, silidlulise ixesha lethu ekuphumleni, nasekuxoleni, ngenxa ka Yesu Krestu Inkosi yethu. Amen. Nkosi Bawo wethu wasezulwini esithe ngamandla obuso Mandla bakho salondolozwa ngalemini: othe ngenceba yakho enkulu wasihlanganisela kuzo zonke inxwaleko, nengozi zobusuku ngenxa yothando lokuphela ko Nyana ngenxa ka Yesu Krestu Inkosi yethu. Amen. OWO KUMKANI NAZO ZONKE INKOSI Nkosi Bawo wethu wasezulwini, ophakamileyo, nonamandla onke, ongu Mlauli waphakade, othi use Tronini yakho ubone bonke abemi bomhlaba, siyakubongoza ngokukhulu, nange ntliziyo epheleleyo, ukuba uthi ngobubele bakho, ukangele usikelele izicaka zakho abalawuli bo mbuso Bachumise ngofefe lo Moya wakho Oyingcwele, ngoko kuze bathi ngamaxesha onke, batyekele entandweni yakho bahambe nase ndleleni yakho; bahlale ixesha elide, ukuze kuthi ukugqibela emveni kobubomi, bazuze uvuyo, nenyweba engunaphakade, ngaye u Yesu Krestu Inkosi yethu. AMEN. ONGA BAFUNDISI NA BANTU. Thixo ongu Somandla waphakade eziphuma kuye zonke izipho ezilungileyo nezifezekileyo, hlisela phezu kwe Bishop zethu, naphezu kwa bafundisi bethu, kwana phezu kwamabandla abawaphetheyo, u Moya ophilisayo kwanofefe lwakho, ukuze bakukholise ngokwenene, bagalele ngombete, wethamsanqa lakho, yenza oku Nkosi ngenxa ye gama le Nkosi Yethu, u Yesu Krestu. Amen. OWE NTLOBO ZONKE ZA BANTU Thixo Mdali nomlondolozi wabo bonke abantu, siyakubongoza ngokululamileyo, ngazo zonke intlobontlobo zabantu, ukuba waneliswe kukuzazisa indlela zakho kubo, kwanempiliso yakho esindisayo kuzo zonke intlanga. Ngokukhulu sithandazela ibandla lakho elingcwele, elikulo lonke elimiweyo ukuba likhokelwe lilaulwe ngu Moya wakho; nokuba bathi bonke abathi bangama Krestu, bakhokelelwe endleleni yenyaniso, babambe ukholo ngobunye bo Moya, nangentambo yoXolo. Ukugqiba siyaleza kuwe bonke ababandezelekileyo, nabacinezelekileyo emimoyeni yabo, nase mizimbeni yabo, nasezimfuyweni zabo okokuba ubatutuzele, ubakulule ngokwemfuneko zabo ngabanye, ubanike unyamezelo ekuveni kwabo intlungu, nangokubakhupha kwezo mbandezelo abakuzo. Sikubongoza ukuba ukwenze oku ngenxa ka Yesu Krestu Inkosi Yethu. Amen. UMBULELO WABO BONKE Thixo Somandla, Yise wazo zonke izibele tina zicaka zakho ezingafanelekileyo, sinikela imithandazo ethobekileyo kunye nentliziyo ngenxa yokulunga kwakho, nobubele bakho kuthi, nakubo bonke abantu. Siyakudumisa ngokudalwa kwethu, nangawo onke amathamsanqa obubomi kodwa ngaphezu kwazo zonke ezi, luthando lwakho, olungenambaliso ekukhululweni kwelimiweyo yi Nkosi yethu u Yesu Krestu, namathuba ofefe, nangethemba lobungcwalisa. Siyakubongoza ukuba usiphe ukhanyiselo olufezekileyo lwenceba zakho ukuze intliziyo zethu zibe nokukubulela okungazenzisiyo, sibe nako nokulubonakalisa udumo lwakho kungengamilomo yodwa, kodwa nangobomi bethu, ngokuzinikela enkozweni yakho, nangokuhamba emehlweni akho ngobungcwele, nangobulungisa, yonke imihla yethu ngaye u Yesu Krestu Inkosi yethu; Kuye, nakuwe naku Moya Oyingcwele, makubekho imbeko nozuko, kude kube ngunaphakade. Amen. 1. Intshumayelo 2. Umtandazo we Nkosi 3. Inkonzgozelo INKOLO YABA POSTOLI. Ndiyakholwa ku Thixo u Yise onamandla onke, u Mdali wezulu nomhlaba, Naku Yesu Krestu, U Nyana wakhe emnye i Nkosi yethu owakaulwa ngo-Moya Oyingcwele, wazalwa yintombi U Mariya, weva ubunzima phantsi ko Pontyusi Pilati; Wabethelwa emnqamlezweni, wafa wangcwatywa; Wehlela ehadesi; Uthe ngomhla wesithathu wabuya wavuka ekufeni: Wenyuka waya ezulwini; apho ahleli kona Ngase Kunene ko Thixo, u Yise onamandla onke. Woda avele kona aze kugweba abahleliyo nabafileyo. Ndiyakholwa ku Moya Oyingcwele, nayi Remente engcwele ekulo lonke ilizwe, nabubudlelane babangcwele, nakukuxolelwa kwezono; nakukuvuka komzimba ekufeni; nabubomi obungunaphakade. Amen. UFEFE. 2, Cor. XIII, 14 Kwanga kungabakho kuni nonke ufefe lweNkosi yethu u Yesu Krestu nothando luka Thixo, nobudlelana bo Moya Oyi-ngcwele, kude kube ngunaphakade. Amen.