Inkonzo Yokuvulwa Kwendlu Ye Cawa
INKONZO YOKUVULWA KWENDLU YE CAWA
Entsha Nokuba Yehlaziywayo.
I Bishop umhlaubi umfundisi a i Bishop ingeko kunye nabanye abefundisi, bayakuhlangatyezwa emnyango wendlu ye Cawa zi Trustees, nama Gosa naba khokeli abayakwamkela i bishop, umhlaumbi umfundisi kunye na banye abefundisi, egameni lika Thixo, banikele e Bishopini okanye kumfundisi izitshixo zendlu ye Cawa, ezoba ngumqondiso wenyaniso wokuba bayakuthi lonke ixesha emveni koko bahlale ngokuzithoba pantsi komthetho, nemfundiso, no laulo lwe African Methiodist Episcopal Church: nokuba bayakuthi ngawo onke amaxesha emveni koku bavumele abefundisi nabashumayeli balocawa, ukushumayela kuyo ilizwi elingcwele lika Thixo, Emveni koko bayakungena bahambele pambili behamba befunda lendumiso, i Bishop, okanye umfundisi aqale ngeyokuqala bonke abanye bathathe elandelayo, njalonjalo.
INDUMISO. L. XXXIV.
Bishop. Hai ukuthandeka kwezindlu zakho. Yehova wemikosi!
Umfundisi. Umphefumlo wam ungxamele ukungena emakhusini kaYehova: Intliziyo yam, nenyama yam zigcobele ku Thixo ophilileyo.
Bp. Intakana ifumene ikhaka, inkonjane zifumanele indlu, apho izalela khona amathole ayo; kwa izibingelelo zakho, Nkosi yemikhosi Kumkani wam, Thixo wam.
Mfu. Hayi inyweba yabahlala endhlini yakho: bayakuhlala bekubonga.
Bp. Hayi inyweba yomntu omandla akuwe okhumbula umendo oya e Tsiyone.
Mfu. Bephumelele entilini ebarileyo, bayenze ibe nemithombo: ewe imvula iyivathisa ngamathamsanqa.
Bp. Baya besomelela ngokomelela: babonakala bonke phambi ko Thixo wemikhosi, yiya umthandazo wam wubekele indlebe Thixo ka Yakobi.
Bp. Khangela, Thixo Khaka lethu; bukhangele ubuso bomthanjiswa wakho.
Mfu. Inene imini enye endlwini yakho, ilungile kune waka: Ndinga ndingaba ngumgcina mnyango endlwini ka Thixo wam, kunokuhlala ezintenteni zenkohlakalo.
Bp. Ngokuba i-Nkosi u Thixo ililanga, ili khaka: i-Nkosi inika ufefe nozuko; ayiyikubavimba nto ilungileyo abahamba ngokufezekileyo.
Mfu. Wena Nkosi yemikhosi: hayi inyweba yomntu othembela kuwe!
INGOMA YE-KWAYALA.
Apha I Bishop, okany umfundisi kunye nabo bakhethelwa ukuncedisa bathatha indawo zabo ngaphakathi kwe pulpiti, abanye bahlale emaceleni: I Kwayala yothi ivume le Ndumiso. INDUMISO CXXII.
Ndavuya bakuthi kum: Masiye endhlini ye Nkosi. Inyawo zethu zafika zema emasangweni akho Yerusalem. Yerusalem wena wakhiweyo: ngokomzi ohlangeneyo wamnye. Apho zinyukela ziye khona izizwe ze Nkosi: Ibungqina ke onto kwa Sirayeli ukuba kbulelwe kwigama le Nkosi. Kuba khona apho kumiswe i-terone zekugweba: I trone zendlu ka David, Celelani I Yerusalem uxolo: Mababe namathamsanqa ezindhlini zakho ezintle. Ngenxa yabazalwana nabalingane bam: makhe ndithethe uxolo ngawe. Ngenxa yendlu ye Nkosi u-Thixo wethu: ndiyakufuna okoklungileyo.
Umthandazo ka Soloman
I Bishop ,okanye umfundisi eguqile uyakwenza lomthandazo
I KUMKANI VIII, 23-
Yehova ,Thixo wo Sipayeli! Akukho onje ngawe u Thixo ,ezulwini pezulu naphantsi pezu komhlaba. Ogcinela izicaka zakho,ezihambayo phambi kwakho ngayo yonke intliziyo yazo ,ucebano ,nobubele.Kodwa u-Thixo angahlala ngenyaniso na emhlabeni. Bona ke izulu nezulu lamazulu alingekulingani;kungaba kangananina ke lendlu esikwakhele yona .Uze ubeke ngakuwo umthandazo wezicaka zakho,nangakuzo izikhungo zazo; ,Thixo wethu uphulaphula isikhalo nomthandazo ezithandaza ngawo izicaka zakhophambi kwakho namhla: ukuba amehlo akho abe evulekile phezu kwale ndlu emini nasebusuku,phezu kwalendawo othe ngayo igama lam loba khona; ukuba uphulaphule izitaruziso zezicaka zakho, nezabantubakho o Sirayeli ,xa bayakuthandaza kulendawo; uve wena use zulwini endaweni yakho yokuhlala ,uth wakuva uxolele ,ukuba kute kona umntu ngakuye umzalwana wakhe, waza wafunyanwa eneyala,laza elotyala laziswa phambi kwakho kulendlu yiva ngoko esezulwini wenze uzilungise izicaka zakho ,umgwebe okhohlakeleyo, ngokunika indlela yakhe phezu kwentloko yakhe ; umgwebele olungileyo ukunika njengobulungisa bakhe. Xa abantu bakho o Sirayeli bebethwa phambi kotshaba, ngokuba bonile ngakuwe ,baze babuye kuwe ,balidumise igama lakho.bathandaze,bakutaruzise kulendlu ; yiva ngoko usezulwini,uxolele izono zabantu bakho o Sirayeli ubabuyisele elufefeni lwakho,naseluthandweni lwakho. Xa izulu livalekile,ingeko imvula, ngokuba bonile ngakuwe: ukuba uthandaza kulendawo,balidumisa igama lakho,baza baguquka ezonweni zabo,wakubaubabandezele; yiva ngoko wena usezulwini, usixolele isono sezicaka zakho,nasabantu bakho o Sirayeli,ubafundise indlela yakho elungileyo abayakuhamba ngayo uze unise imvula phezu kwelizwe elo ulinikeleyo, kubantu bakho,ukuba libe lilifa.Xa kuthe kwakho indlala elizweni kwabakho isifo esibhubhisayo ,isaqhwithi esithsabalalisayo,isifo ezithombo, inkumb I,uruxeshe; xa intshaba zabo zibavingcela elizweni labo, xa kubakho imbubo nokuba sisifo esinjanina ; konkhe ukuthandaza ,nazo zonke izitaruziso eziyakwenziwa apha,nokuba ngubanina ,nokuba ngabo bonkeabantu bakho oSirayei- abakuba besazi omnye nomnyetsifo sentliziyo yakhe-baza ngoko bazolulele izandla zabo kuleyoindlu; yiva ngoko usezulwini lakho. Uxolele wenze ,unike komnye nomnye njengendlela zakhe konke. Njengokwazi intliziyo zabo,ukuze bakoyike yonke imihla yokuphila kwabo. Kananjalo ngaye owezinye izizwe ongenguye owabantu bakho o Sirayeli,kodwa evela kwelikude ilizwe ngenxa yegama lakho; xa ayakuza athandaze kulendlu yiva wena usezulwini endaweni yakho yokuhlala,umenzele lowo kangangoko abiza kuwe ngako ; ukuze bonke abantu belizwe balazi igama lakhobakoyiyike wena,njengabantu bakho o Sireyeli;kananjalo ukuze bazi ukuba lendlu esiyakhileyo ,ibizwa ngagama lakho. Xa abantu bakho bonile ngakuwe ngokuba kungekho mntu ongoniyo ,uthi wena ubaqumbele ngoko,ukuba ngaba bayazikhumbuza baguquke baze benze izitaruziso zabo kuwe,besithi sonile senzile ngobugwenxa ,senza okukohlakeleyo; baza ke ngokobaguqukela kuwe ngayo yonke intliziyo yabo;nangawo wonke umphefumulo wabo ,uze uve usezulwini endaweni yakho yokuhlala, ubaxolele abantu bakho abonileyo ngakuwe,nazo zonke izigqitho zabo abagqithileyo ngakuwe ngazo ,ngokuba bayakuba ngabantu bakho nelifa lakho. Olithenge ngegazi elingabileyo lo-Nyana wakho u Yesu Krestu,i-Nkosi yeth; kuye na kuwe naku Moya Oyingcwele makubeko udumo,nokubongwa . namandla emhlabeni nasezuwini . AMEN
Ke ngoku ,Thixo ophezu konke ,wena izulu lamazulu lingekulingani sikwahlulela lendlu ,ukuba ibe yeye Nkonzo yakho; yamkele ,siyakucela ngokuzithoba,yithabathe kuwe, uze uyabele phakathi kwe cawe zakho ezingcwele,ezisemhlabeni,ukuba ubukho bakho,nobo Nyana wakho u Yesu Krestu kwanobo Moya wakho Oyingcwele, bubesolokobuyizalisile lendlu esiyakhileyo,siyibizangegamalakho elingcwele; ukuze kuthi ngalo lonke izeshunyavelwa ngalo ivangeli kulendluinhlengabo bonke unungcwalisa bayo,ngamandla okukhanyisela intliziyo zabangaguqukileyo,baguqulwe ebunyameni,baziswe ekukhanyenibakhutshwe nasemandleni esono naka Sathana, beze ku-Thixo ukuze amandla okungcwaliswa kwalendlu ahlale emphefumulweni yabo bakholwayo,ekubeni beyisusile iminqweno, namatemba nentando zabo kwezasemhlabeni, bayibhekise ezulwini,baze bazikhokele zibuye igusha ezilahlekileyo zendlu ka Sireyeli bazingenise kubo ubhlanti bobomi obungunaphakade. Amen.
Siphulaphule,Bawo onofefe,usiphe okokuba bathi abazakunikelwa kuwe ngobaptizesho kulendlu bazuze inzaliseko yofefe lwakho,benziwe amalunguanomsebenzi ebandleni lakho ukuze ekugqibeleni bazuze ukonwaba okukhulu kunye ne Bandla eloyisileyo,ngabe u Yesu Krestu.Amen.
Siphulaphule ,Bawo onofefe,wenze ,usiphe ukuba bathi abo siyakuthabatha nabo umzimba wo Msindisi,ne Gazi lakhe elaphalalayo baze nabo banyaniseke ngalo ukholo lokuba ngenyniso uli Xhwane Thixo elisusa izono elizwe,ukuze bathi bezalwe ngokutsha bengcwalisiwe ,beme bengenachaphaza, bevathisiwe ngobobomi kwesokunene sakho, kude kube ngunaphakade. Amen.
Mausive, wena owathinjiswa I-Bandla,usiphe okokuba bathi abo bayakuhlanganiswa kulendlu emtshwatweni ongcwele baze nabo baphile,njengo Isaka no Rebeka,benjenjalo emigcobeni emsulwa ngokuvana bencedana omnye nomnye u ukusana ezulwini,bebondla abantwana babo ukuze babe nodumo nomsebenzi kububomi bukhoyo,nabondlela lobomi obuzayo ngaye u Yesu Krestu Inkosi Yethu.Amen.
Wena ophakamileyo ,oyigcwele ka Sirayeli,yamkela siyakucela,imithandazo yezicake zakhousiphe okokuba bathi bonke abayakuzivuma izono zabo kulendlu,okanye baphakamise amazwi abo ngendumiso nangemibulelo,ngenxa yezibele ezidlulileyo okanye ngenxa yenzuzo abazamke leyo,banga bangagcotyiswa kukukhanya kobuso bakho,babe noxolo olugqitisileyo kuko konke ukuqonda novuyo olungathethekiyo oluzele lulo lonke udumo.Amen.
Wena Oyintloko ye Bandla! Siyakukhanga ukuba usive ,usiphe,okokuba athi lowo oyakukhethelwa wena lulendla,okanye abekwe ubungcwele azuze ukuthambisa ko Moya wakho,ahambe kuyo inzaliseko;yethamsanqa le Vangeli: ukushumayela ibutyebi bayo,obungapheli kuphengululwa kwelilizwe elonakeleyo: ke baze bathi begqibile nje ugqatso lwabo ukulwa balugcina ukholo bafumane isitshaba sobomi,balulaule kunye nawe ,kude kube ngunaphakade.Ameni.
Wena Thixo wabathunyelwe ezizweni! Siphulaphule wenze okukuba ithi imfihlakalo yogqatso lokuhanjiswa kwelizwi ,kunye nazo zonke imfundiso zobu Krestu,zibe nokufumana kulendlu intsikelelo ngenxaso eyaneleyo; ukuze zibe nokunikelwa izixhobo zokukaulezisa lomini xa ubakumkani be lizwe, buyakuba bubukumkani be Nkosi yethu u Yesu Krestu.Amen.
Ngokunjalo ke siyahlulela wena lendlu,wena ohlala emazulwini yamkele; yamkele Phakathi kwendawo zakho ezingcwele ezisemhlabeni: wenze ukuba bathi bonke abayakuthandaza apha nge Sbatha,nangezizukulwana ngzizukulwana ,kwanabantwana,babantwana bethu babe nokuva ngenyaniso ukuba le yindlu ka Thixo ,ne sango le zulu .Amen.
Makuvnywe iculo,emva koko ibe yintshwnayelo ;emva kwayo yininikelo emva kwayo liculo womthandazo kugqitywe ngofefe. (Indlu evulwe ngoluhlobo,akukho mfundisi unokwenza nayi phina into kuyo ngaphandle kwenkonzo ezingcwele zika Thixo kuphel.Ukuba uwapule lomthetho woba netyala lokwaphula umthetho amiswe ebafundisini bake). OPENING
(1) Parsonage
(2) Home
(3) Pulpit