Inkonzo Yokubekwa Kwe Litye

INKONZO YOKUBEKWA KWE LITYE Yothi lenkonzo ivulwe ngeculo. Emva kwalo ibe yintshumayelo phambi kwama Gosa ne Bandla lonke, okanye kwenziwe lomthandazo ulandelayo: Thixo omkhulu, onobungcwalisa, ongu-Kumkani waphakade, ongophilileyo, nongabonakaliyo, okuphela ko Thixo owaziyo onembeko nobungcwalisa kude kuse emaphakadeni! Okhoyo kuzo zonke indawo ngexesha nye, nobonisayo ukufezeka kwemisebenzi yakhe: Nanku, sizokuzithoba phambi kwakho ngenxa kaYesu Krestu u Mthetheleli wethu, no Mkhululi wethu ukuba sinako ukuzisondeza esihlalweni sakho ngaye nokuba sinako ukubiza ngokuba unguThixo wethu, nokuthandaza sikuthabatha njengo Bawo wethu. Siyakubulela ukuba sibe sinako ukuhlanganisana apha ngelixesha, phakathi kwezimeko ezizele lufefe lwakho, ukuba sibenako ukubeka i-Litye esakhiweni sendlu ezakumiselwa udumo lwakho nezakungcwaliselwa ukunqulwa kokuphela koThixo ophilileyo noyinyaniso, ongu Yise, ongu Nyana, nongu Moya Oyingcwele. Sikuthandaza ngenyaniso ukuba usondele kuthi njengo Thixo wo-Thando, usithamsanqelise ngobukho bakho. Wenze ukuba oko kusihlanganise apha kwamkeleke kuwe, zithi izenzo zalomsebenzi singawo apha, uzamkele, usithamsanqele wena. Ngokwenjenje oku sibonisa ukuba asinto ngaphandle kwakho, ngako sizama ukumisa indlu yokuthandazela kuyo sicela ukuba kungabibikho nto iyenye ingena ngaphakathi kwentliziyo zethu ngayo ngaphandle kwale. Sithi mauzenze ingcingane zethu ukuba zibe msulwa nenjongo zethu zimele ukuphakanyiswa kobungcwalisa bakho, noguquko lwaboni. Wanga ungasisikelela, usambathise ngenceba yakho. Xolela izono zethu, uncede ubuthakathaka bethu ngokuwamkela lo mthandazo wethu, ngenxaka Yesu Krestu, u-Msindisi wethu. Amen. APHA KUNGAFUNDWA E_ZIBHALWENI-INDUMISO XCV. Okanye I. Cor. III Okanye i-King V. Okanye Haggai. 1-10. Ukuba intshumayelo zenziwe lomthandazo ungentla ungashiywa. Umhlaumbi nezi lesesho ezi ukuyabonakala. Kodwa ke emva kweculo kuyakuthi kuqutywe lentelo ilandelayo:- INTETHO EBHEKISWA EBANTWINI Bazalwana abathandiweyo: Njengokuba nikholwa ukuba yimfanelo, nelungelo lenu ukumbhedeshela endlwini ye nkonzo uThixo, nikholelwa kanjako ukuba ninokubakha ubukumkani buka Yesu, nasekubeni ninako ukusalela neminye imiphefumlo elusindisweni ngokwenjenjalo, kungoko ke enithe nithembela e Thixweni nafikelela kwezizigqibo zokuba nakhe lendlu ye Nkonzo, enidibene apha ngoku ngedinda lokuba nibeke i-Litye layo., Nakubeni kungeko mthetho ka Thixo uninyanzelayo kwesisenzo, kodwa ngenxa yokukhokelwa kwenu yingqondo ekhanyiselweyo nifike nabona, naza naqonda ukuba oku kuyimfanelo yenu: nenza okulungileyo ngenene ngoko ukumanyana phezu kwesenzo esikhulu kangaka, enisenzela ithemba lokulungiswa kwenu nabantwana benu. Asinamathandabuzo ngoko ukuba oku nikwenza nise Moyeni ka Thixo nokuba ngsisenzo nibonisa ukuthanda kwenu i Ziyone ngenene, nokuba ningawathetha namazwi awathethwa ngu Mculi xa athi: Hayi ukuba zintle kwezindlu zakho Thixo wemikhosi! Umphefumlo wam uyazilangazelela, ewe ufuna ukuba seminqubeni yakho Yehova. Sisoloko sifumana e-Lizwini lika Thixo amaxesha amaninzi kuko intsingiselo kwi Litye le gumbi. Bonani, i-tsho i-Nkosi, ku Yisaiya, ndiyabeka eZiyone i-Litye lesiseko, elilingiweyo eliyintloko yegumbi, elinyuliweyo, nelinqabileyo....Kuma-Efese.. u-mPostile uthi: Kwakhelwe phezu kwesiseko sabapostile, nabaprofite, abantloko yabo ingu Yesu Krestu. i-Litye le gumbi liba soloko likho esisekweni ekwakhelwa phezu kwaso isakhiwo. Indawo yalo eli-Litye ibasekudibaneni kwedonga ezimbini elithi lizibambe, lizidibanise. I-Litye legumbi kubekwa elinye phezu kwelinye; lonto yenziwa kuwo omane amagumbi esakhiwo. Amatye amagumbi ngoko maninzi, kodwa nxana ehlanganiswa kuthethwa ngawo njenge litye elinye. Laye elona likhulu, lihle, lomeleleyo, kunawo onke amanye kubekwa lona ngaphantsi, okanye ngaphezulu kwesiseko sodonga libe ngummeli wawo onke amanye amatye esiseko eso. Elinjalo ke libizwa ngokuba li-Litye le gumbi, okanye yintloko ye gumbi. Ngako oko u Yesu Krestu ubizwa ngokuba sisiseko, ne Litye le gumbi kuso isakhiwokazi esikhulu sobuKrestu. Lonto ke ithetha ukuba usisiseko seCawa yakhe, athi ayigcine yomelele kangangokuba ingashukunyiswa nto, ide ibe nako ukufikelela kuzo zone imbombo zomhlaba; amalungu ayo awadibanise, awabophe ngomtya wothando owomeleleyo nowenza ukuba babe banye abantu bakhe, ukuze yena abe bubungcwalisa beTyalike, ngenxa yesimo sakhe esibaphakamisayo abalandeli bakhe ngemiyalelo yakhe, nangesizathu sokuba yena emsulwa entweni zonke. Ngako oko limfanele igama lokuba uli-Lity le-gumbi. Eliyintloko, Elinyuliweyo, neli-Nqabileyo elixhassa yonke indlu yobu Krestu, ekungathi ngaphandle kwakhe uwe phantsi wonke umsebenzi wobu Krestu. Ngokubeka i-Lity le gumbi ke nenza isenzo esisemhlotsheni: Niyazisa ukuba eso sisiqalo sokwakhiwa kwendlu enizimisele ngoncedo luka Thixo ukuba nize niyigqibe. Esisenzo ke sinethemba. siyavuyisa senza nezimvo ezimnandi neezivuyisayo sifanele ngoko ukubaluleka ngokwanele ukuba nayo imini enje ngale, kwakhona sisenzo esibonisa ukuba amandla ethu ase Thixweni. Yimfanelo ukuba sikuvume oko ngokuphandle ngokubonisa ngokumakhela indawo yokuzi cengela kwethu kuye. Ukuvuma okunjalo kumnika uzuko olumfaneleyo uYehova kusifundisa nathi ukumoyika okusifaneleyo. Ngaphandle kokuba u-Thixo ayakhe indlu fumana bezikhathaza abo bayakhayo. Yintetho ka Solomon le oyena ulumkileyo ko-Kumkani bakwa Sirayeli. Ozenzo zithe ngokuphumelela kwazo zamnika udumo olungapheliyo. Kulungile njengaye, ngamaxesha onke, ukuwazi amandla, nolwazi olukhulu, nobungcwalisa bolaulo luka Thixo sizazi ukuba sizizidalwa zakhe ezibuthakathaka, ezikhangele kuye ukuphila kwazo. Impumelelo yoko sikwenzayo yenziwa nguye, ngoko imbeko mayibe kuye ngawo onke amalinge esiwaphumezayo. Xana u Defeti wayefuna ukumakhela indlu u Yehova wala: wathi Ndinyule unyana wakho ukuba andakhele indlu. Masizithobe ngoko phambi kwakhe ngomthandazo. UMTHANDAZO O, Thixo, obukhulu bungaphezu kwezulu lamazulu! Ozalise lonke ihlabathi ngobukho bakho; okudunyiswa zingelosi nangabantu kungena kongeza nto ebungcwaliseni nasebukhosini bakho: Siyakubhedhesha, sisazi ukuba imithandazo yethu akunakuyilahla ngenxa yokungafaneleki kwethu. Siyazi ukuba bazizigidi abantu abangqinayo ukuba wena uyayiva imithandazo uyiphendule nokuyiphendula. Sibulela ukuba wenze yabako i-Cawa apha emhlabeni, waza wayikhusela ezintshabeni zayo, waza wenza ukuba isandi se gospile sivakale ezindlebeni zethu. Sibulela ne senzo sokuhlanganisela kulendawo ab kakholwayo ku Yesu Krestu. Sinikela imibulelo yethu engameni lakho ngenxa yokuba ufake ezintliziyweni zabantu bakho ingcamango zokuba bakwenzele i tempile yokuhlonitshwa kwegama lakho kulendawo. Apho igama lakho liyakuphakanyiswa khona, nalapho uyakuza kubathamsanqelisa khona abantu bakho.Sibulela ufefe lwakho olwenze ukuba ababantu bakhululeke, benze iminikelo, nezipho zabo kulomsebenzi omhle kangakanana. Wanga ungabenza ukuba baphakamise ilungelo labo lokuboleka i-Nkosi, bade nabaninzi babenako ukungena kulomsebenzi ongcwele bawusebenze kunye ngemvisiswano nangothando ide ibe nako ukugqitywa indlu yakho ime ingenatyala. Wanga umsebenzi ungafezeka kungabiko ngozi mntwini! Wanga umsebenzi oqaliweyo kulendawo ungakhokelwa zimvisiswano, nentliziyo ezimsulwa ezinokukhahlela pantsi umona, namakhwele, nalo lonke ulunya. Ukuze zithi ezizinto xa uzishenxisile, waza wayimisa le Ndlu yakho, uyendze ukuba izaliswe bubu ngcwalisa bakho ukuze kuthi xa kushunyayelwa ngawe kuyo ibe mininzi imiphefumlo enokusindiswa, ize ibe nako ukusiwa kulizwe lenyweba yakho engunaphakade. Wanga ungasamkela sonke njengabantu bakho obathengileyo ngoYesu Krestu, waza waba ngcwalisa ngo Moya wakho; Sikhokel ngobulumko bakho singabi sabanako ukwahlukana nofefe lwakho. Zonke ezizinto sizicla egameni nangnxa ka Yesu Krestu, i-Nkosi yethu, emakubeko kuye, naku Yise, naku Moya Oyingcwele udumo olungunaphakade. Amen. Xa uthe wenziwa lomthandazo ungentla nokukuba ngomnye ofana nawo, ilitye linokubekwa kakuhle. Umfundisi ophethe umsebenzi afake kwindawo elungiselelwe oko kulo amaphepha anoluhlu lwamagama abantu abenze iminikelo namagama ama-Gosa, nelo Mfundisi, neKomiti yo-Kwakha nelo Mfundisi obe phethe umsebenzi ngalomini, nencwadi yemithetho ye Cawa, neyama Culo, neBayibile, namagama eziphatha-Mandla ebu Rulumenteni ngoko, namagama amaphepha endaba ze Cawa ngoko, njalo njalo. Ekothi ke emveni koko umfundisi awusonge umsebenzi ngokwenza lamazwi alandelayo:- Egameni lo-Thixo oziqu zithathu, ongu-Yise, ongu Nyana, ongu Moya Oyingcwele, sibeka ei-Litye ukuba libe siseko sendlu yokuthandaza enkonzweni yakhe. Ekwenzeni oku sivuma ukuba yena ungonamandla onke, nokuba u Krestu Yesu yena nguye i-Litye elikhulu le gumbi le Cawa yakkhe nesiseko salo lonke ithemba losindiso lwanamhla kude kuse emaphakadeni. Wanga u Thixo walo lonke ufefe angasiva, ngokuwungcwalisa lomsebenzi wethu ukuze ekugcibeleni asamkele ngenxa yo Nyana wothando lwakhe. Oyi Nkosi yethu u Yesu Krestu. Amen.