Inkonzo Yakusasa

INKONZO YAKUSASA INDUMISO Dumisani uYehova. Osinik’izipho zonke Nonke nidumis’uYise. Nyana, Moya oyiNgcwele. Phambi Kokuba avakalise iculo lokuvula Umfundisi wophakama ngokubekekileyo afunde ngokulandelana nabantu kulemigca ilandelayo yezibhalo ezingcwele:- 1. Ndavuya bakuthi kum masiye endlwini yeNKosi, inyawo zetu ziyakuma ngaphakathi kwamasango akho Jerusalem. 2. Ngenxa yokuba usuku olunye kweyakho iminquba lungaphezulu kwentsuku ezingamawaka. 3. Ndingaxolela Kanye ukuba ngumgcini mnyango endlwini yoThixo wam endaweni yokuhlala kwintente zenkohlakalo. 4. Ngenxa yendlu ye Nkosi u Thixo wethu ndiyakufuna konke okulungileyo. 5. Abo batyalekayo endlwini ye Nkosi bayakufumaneka batyatyambile eminqubeni yo Thixo wethu. 6. Banethamsanqa abo bahlala endlwini yako. 7. Nkosi ndiyayi thanda indawo yakho ohlala kuyo apho lonke udumo lwakho lukhona. 8. Culelani I Nkosi iculo elitsha ngokuba yenze izinto eziyimimangaliso, yenzani ingxolo ngokugcobela e Nkosini, mhlaba wonke, nicule nemibedesho. 9. Ngenxa yokuba Nkosi isendaweni yayo engcwele, wonke umhlaba mawuti cwaka phambi kwayo. 10. Makathi amazwi omlomo wam nengcinga zentliziyo yam zamkeleke ebusweni bakho Nkosi, Mandla am no Mkhululi wam. 1. ICULO LOKUVULA LILANDELWE NGUM-MTHANDAZO:- UMFUNDISI KE UYAKWENJENJE. Bazalwana abathandiweyo isibhalo esingcwele, siyasiyala kwindawo nge ndawo, ukuba masivume sixele izono zethu ezininzi, nokukhohlakala kwethu nokuba singahanahanisi sizifihle ebusweni bo Thixo u Bawo wethu osezulwini, koko sizivume ngentliziyo elulamileyo nethobekileyo , nelilayo, nevayo, ukuze sizuze ukuxolelelwa kwazo ngabo ububele bakhe netaru lakhe elingenambaliso. Esinge sisiti ngokukodwa xa sidibene si hlangane ndawonye, sinikele imibulelelo yethu ngoncedo esilwamkeleyo ezandleni zakhe, ngokunikela indumiso ezifanelekileyo, nangokuphulaphula ilizwi lakhe elingcwele, nokucela ezozinto ziyimfanelo, zilungele umzimba nomphefumo. Ngako oko ndiyanithandaza ndiniyale nonke nina nikhoyo apha, ukuba manindipheleke ngentliziyo engcwengileyo nelizwi elilulamileyo, siye esihlalweni sofefe lwase zulwini nisithi emva kwam. ISIVUMO SABO BONKE. Bawo onamandla onke, onofefe oluphezu konke, siphosisile salahlekana nendlela zakho njengezimvu ezilahlekileyo. Sigqitile ngokulandela amaqinga nenkanuko zentliziyo zethu. Sonile ngakuyo imithetho yakho engcwele. Siyekile ezonto esinge sizenzile asazenza senza ezonto esingesingazenzi; akukho nokuphila kuthi. Kodwa wena Nkosi uze wenze ngetaru kuthi baphosisi abantliziyo zilusizi. Banyamezele Thixo abo baxela iziphoso zabo. Philisa abo baguqukayo; njengokuthembisa kwako oku shunyayelwa ebantwini, ngo Krestu Yesu i-Nkosi yethu. Uze uthi Bawo olufefe luphezu konke,usiphe ngenxa yakhe okukuba sithi emveni kwakaloku nje sihlale intlalo ebhedeshekileyo, nelungileyo nebuncathu, kuze kudunyiswe igama lakho. Amen. UMFUNDISI KE UYAKWENJENJE. Thixo onamandla onke, Bawo wethu wase mazulwini, othe ngofefe lwakho olukhulu wathembisa uxolelo lwezono kubo bonke abaguqukayo ngentliziyo nangokukolwa babuyele kuwe. Yiba netaru phezu kwethu usixolele, usisindise kuzo zonke izono zethu. Someleze usikuthazele kuko konke ukulunga; ude usise kubo ubom obunguna-phakade, ngaye u Yesu Krestu Inkosi yethu. Amen. Umf: Nkosi mawusivule imilomo Aba: Yayiyakuti yona ivakalise udumo lwakho Umf: Dumisani uYehova Aba: Igama likaYehova malidunyiswe. 11.EMVA KOMTHANDAZO KOLANDELA INGOMA. II. 1. Kofundwa isahluko kwi sifundo sokuqala 2. Kocula I kwayala. IMITHETHO ELISHUMI. Umfundisi: Wawathetha u-Thixo lamazwi esithi: Mna ndingu Yehova U-Thixo wakho okukhu-phileyo elizweni lase Jiphethe, endlwini yobukhoboka; akusayikuba na Thixo bambi ngaphandle kwam. Abantu: Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Umfundisi: Akuyi kuzenzela umfanekiso oqingqiweyo, nanye into efana nasezulwini phezulu nasemhlabeni phantsi apha nesemanzini phantsi komhlaba; akuyi kuthoba pambi kwazo; akuyikuzi khonza kanjalo; ngokuba mna Yehova, uThixo wakho, ndingu Thixo onekhwele, ndiyohlwanyela inkohlakalo yoyise phezu kwabantwana, phezu kwesesithathu, naphezu kwesesine isizukulwana sabandithiyayo; ndaye ndiwenzila ububele amawaka abandithandayo, nabayigcinayo imiyalelo yam. Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Akuyi kufumana ulibize igama lika Yehova u Thixo wakho, ngokuba u Yehova engayikumyeka angabi natyala lowo ufumana elibiza igama lakhe. Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Khumbula umhla we Sabatha, ukuba uwenze ngcwele. Wosebenza imihla ibe mithandathu uwenze wonke umsebenzi wakho; kodwa umhla wesi xhenxe uyi Sabatha ka Yehova, u Thixo wakho; akuyikwenza namnye umsebenzi ngawo, kwa wena, nonyana wakho nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo zakho nowase mzini ophakathi kwamasango akho; ngokuba ngemihla emithandathu wenza uYehova izulu nomhlaba, nolwandle, nako konk okukuzo, waza wapumla ngomhla wesixhenxe, wawenza ngcwele. Ndisondela kuwe, Thixo wami, Nayiph’ int’ engaba, Sendleleni, Ndomana ukuthi, Ndisondela kuwe, Thixo wami, Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Beka u-Yihlo no nyoko, ukuze imihla yakho yolulwe elizweni oliphiweyo ngu Yehova u-Thixo wakho. Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Akuyi kubulala. Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Akuyi kurexeza.? Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Mfu. Akuyi kuba. Aba. Nkosi siphathe ngetaru! Yenza ukuba intliziyo zethu ziwubambe lomthetho. Wena Liwa laphakade, warazulelwa mna, Kuze Ndizimele Kuwe, Msindisi ‘Oyingcwele. Mfu. Akuyi kunqwenela indlu yommelwane wako, isicaka sake, nesicakakazi sake, nenkabi yakhe, nehashe lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho. Mfu. Yivani okuthethwayo ngu Msindisi wethu: Uyakumthanda u Yehova u Thixo wakho, ngayo yonke intliziyo yakho, nangawo wonke umphefumlo wakho, nangayo yonke ingqondo yakho; lo ngowokuqala nowona umkhulu umyalelo. Nowesibini ofana nawo: Uyakumthanda ummelwane wakho njengokuzithanda kwakho. Kulemiyalelo mibini kuxhomekeke wonke umthetho nabaprofite. Mfu. Udumiso malubeko kuye u Yise, nakuye u Nyana, nakuye u Moya oyingcwele. Aba. Njengokuba kube kunjalo kwasekuqalekeni kunjalo kaloku nje kuya kumana kuba njalo, kude kube ngunaphakade Amen. 1. Isifundo Sesibini. 2. Kocula I Kwayala abantu behleli phantsi. 3. Mva koko kwenziwe izaziso. 4. Intshumayelo okanye inkuthazo. 5. Kolandela 6. Umthandazo 7. Inkongozelo. Kwenziwe isi-vumo se nkolo yabapostile abantu bemi:- Ndiyakholwa ku Thixo u Yise onamandla onke, u Mdali wezulu nomhlaba, Naku Yesu Krestu, U Nyana wakhe emnye i Nkosi yethu owakaulwa ngo-Moya Oyingcwele, wazalwa yintombi U Mariya, weva ubunzima phantsi ko Pontyusi Pilati; Wabethelwa emnqamlezweni, wafa wangcwatywa; Wehlela ehadesi; Uthe ngomhla wesithathu wabuya wavuka ekufeni: Wenyuka waya ezulwini; apho ahleli kona Ngase Kunene ko Thixo, u Yise onamandla onke. Woda avele kona aze kugweba abahleliyo nabafileyo. Ndiyakholwa ku Moya Oyingcwele, nayi Remente engcwele ekulo lonke ilizwe, nabubudlelane babangcwele, nakukuxolelwa kwezono; nakukuvuka komzimba ekufeni; nabubomi obungunaphakade. Amen. KWENZIWE UFEFE Elandelayo ingenziwa endaweni ye mithetho elishumi, mhlaumbi kunye nayo. Apho kuko I Kwayala angaculwa u Siyakudumisa, kodwa ukuba abantu abakwazi ukumcula angafundwa ngu Mfundisi nabantu ngokulandelelana kwemigca. SIYAKUDUMISA Mfu. Siyakudumisa Thixo! Sikuvuma ukuba ungu Yehova. Aba. Umhlaba wonke ubedesha wena; u Yise ongunaphakade. Mfu. Zonke ingelosi zimemeza kuwe: Kwanezulu nawo onke amandla akulo. Aba. Ikerubime ne Serufime zimemeza kuwe: Mfu. Uyingcwele, Uyingcwele, Uyingcwele: Yehova Thixo wemikhosi. Aba. Izulu lizele kwa nomhlaba bubukhulu bobungcwalisa bako. Mfu. Umhlambi wobungcwalisa waba Postile: Uyakudumisa. Aba. Amakholwane amahle abaprofit: ayakudumisa. Mfu. Umkhosi odumileyo wabafele wena: uyakudumisa. Aba. I Remente Engcwele kulo lonke ilizwe: iyakudumisa. Mfu. U Yise: obukhulu bungenambaliso. Aba. Unyana wakho emnye: odumileyo, oyinene. Mfu. Kwano Moya oyi Ngcwele: U Monwabisi. Aba. Ungu Kumkani wobungcwalisa; wena Krestu. Mfu. Wena ungu Nyana Ongunaphakade: wo Yihlo. Aba. Uthe wena wakunyula umsebenzi wokusindisa abantu akwasidela isizalo sentombi. Mfu. Uthe wakuba weyisile ubukhali bokufa: wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu. Aba. Wena uhleli ngase Kunene ku Thixo: ebungcwaliseni bo Yihlo. Mfu. Siyakholwa ukkuba woza ube ngumgwebi wethu Aba. Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho: ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo. Mfu. Zenze ukuba zibhalwe ndawonye nabangcwele bakho: ebungcwaliseni obungunaphakade. Aba. Nkosi, sindisa abantu bakho: uthansanqelise ilifa lakho Mfu. Baphate ubaphakamise: kude kube ngunaphakade. Aba. Thina imiha nge mihla; sikwenza mkhulu wena. Mfu. Sihlala sibedesha igama lakho: kude kub ngunaphakade. Aba. Sincede Nkosi: usilondoloze ngalemini singani nasono. Mfu. Nkosi, zusiphate ngetaru: zusiphate ngetaru. Aba. Nkosi itaru lakho malihle phezu kwethu: njengokuba ithemba lethu likuwe. Mfu. Nkosi ndithemba wena: mandingaze ndidaniswe. UMPHEFUMLO WAM. MAGNIFICAT. Umphefumlo wam uyayibonga i-Nkosi: nomoya wam ugcobile ngo Thixo u Msindisi wam. Ngokuba ekhangele: ubuphantsi besicakazana sakhe. Ngokuba kaloku zonke izizukulwana: ziyakuthi ndinthamsanqa. Ngokuba wandenzela into ezinkulu u Somandla: lingcwele igama lakhe. Ufefe lwakhe lupezu kwabo bamoyikayo: kwizizukulwana ngezizukulwana. Wenzile amandla ngengalo yakhe: Ubachithile abaneratshi ekucingeni kwentliziyo zabo. Iziphathamandla uziwisile ezihlalweni zazo: wabaphakamisa abaphantsi. Abalambileyo ubahluthisile ngento ezilungileyo: nzityebi wazindulula zilambile. Umxhasile u-Sirayeli isicaka sakhe, ngokukhubula ufefe lwakhe (njengokuba ethethile kobawo) ku Abrahama na kwinzalo yakhe kude kube ngunaphakade. Udumiso malubekho kuye u-Yise, nakuye u-Nyana, nakuye u-Moya Oyingcwele. Njengokuba kube kunjalo kwasekuqalekeni kunjalo nakaloku nje, Kwaye kuyakuba njalo: kude kube nguna phakade. AMEN. BONKE BEGUQILE KOLANDELA LEMITHANDAZO UMFUNDISI AKHOKELE NGOKUTHI INKOSI MAYIBE NANI. Aba. Ibe nomoya wakho kanjalo. Mfu. Masithandaze Mfu. Nkosi siphathe ngetaru. Aba. Usinike usindiso lwakho. Mfu.Nkosi, hlambulula intliziyo zethu. Aba. Ungawususi u Moya wakho kuthi.